Ukwenza komfazi - isiqendu sesibini
Ahh!!!
Zam'njini! "Hheke, nantsi into ndiyilibala, ndiyabulela mkhuluwa wam,
INKOMO YOBULUNGA yiyo le. “UFuniswa lo
uzakuxhwitha kuyo nabantwana bakhe. “Ukuwa kwayo, izaphinde ivuswe nguye”.
UFuniswa ayisengo Funiswa ngumfazi wakwaGcaleka
Ahh!!! Nokhungile. Kaloku oko sigqibeleni ngomhla womngcamo. NdiyaBhotisa kuni
bafundi; Mayethe kwabafanele umayethe. Namhlanje sizakuhlalutya umendiso ka
Nokhungile.
Kanene ndathi:
"ITshowa eli aliziceleli indlela lodwa, litshayelelela nam
mbhali. Sisiseko sobufazi esi. Asipheleli nje apha. Ze nilindele uduli sibone
ukuba lisiphatheleni na lona."
...xa ndivala isiqendu sokuqala. Xa kunamhlanje
sibeka uthango kwesiseko somngcamo. Ngqala ukuqaphela yiyo le inambezulu
inwabuluka.
Ukhumbule ke
mfundi siye samshiya simngcamisile kuphela umtshakazi, ke yiyo lonto sisiza
noduli lodwa. lonto ayithethi ukuba azidityaniswa.
Ahh!!! Zam'njini! "MaTshowa kusemvakwemini, masingeneni endlwini, noko
ilanga lasebusika liyakhawuleza. "Ehh MaTshowa sasivumeleni ukuba ngale
imini sizakugqibezela umsebenzi walentombi. "Xa kunamhlanje ke sisa uduli
kwaGcaleka, ukufika kwethu pha sizakwenza kuxokozelwe nje ngamandwendwe; sithi,
uduli. "Ndiyaxoka mkhuluwa wam?"
Ahh!!! Singathile! "Tu Tshowa, hambisa"
Ahh !!! Zam'njini! "Ke MaTshowa
masilungiseni"
Ahh!!! Nokhombile! "Yebethunana"
ekhwaza ephandle
Ahh!!! Nokhombile "Ootata bangxamile pha,
masilungiseni, ii-emela, iibhayi, iingobozi, amakhuba, umbalo ka mkhwenyana,
izithebe, izembe, amakhukho, kunye nomahamba ehlala (ISICANGCA). "Kukho
izinto ekufuneka zikhokhele ke apha, izinto ezinjengobutyala bokudlala, kuba xa
sifika pha ngorhatya kuzafuneka sidlale ukuze singene. "Oonotshula Kome
baphelele khona?"
masibuyele ebhungeni...
Ahh!!!Zam'njini! "Akukhonto ezasimisa
phandle maTshowa ndicingba kwangcanyiswa kwagqitywa. "Ehh kukho itakane
legutsha endilibhabhisileyo. Ayithethisi into yel'takane, kukwenzela
ukuba sihambe siphethe nokuba licala elinetloko xa sifika pha. "Ehh
kuzathi ekuseni xa kuxhelwa labhokhwe yokondlalelwa amandwendwe sibe sipheka
elicala, noko ayithethisi le yethu inyama qha yandisa ubuhlobo.
"Asinoyitya sodwa le nyama siyiphetheyo sizakuyitya namaGCaleka,kaloku
siyokwendisa maTShowa siyomanya iziDuko. "Ehh yiyo lonto kufuneka sibe
nonozaku-zaku kwenzele izinto esizenza xa sipha ziyondelelelane. "Ndimile
ukutsho!."
Ahh!!! Phathisile "Ehh mandike ndivele
botata, andinidelanga. "Ehh kusiliwe ekhapha, bendiceliwe ukuba noko
kobutywala buhambayo ndibone uba akunophuma nto noko nokuba ingapha komkhoba.
"Yiyo le maxhego, ziibhekile zintathu, ehh ngelingagwebiyo kunganjani
ukuba ibhekile yokuqala ingene ngapha ngasemnyango enye ingene ngapha ngasentla
ze enye ingene ngapha komama?"
Ahh!!! Singathile "Qhuba mfana,nguwe
injoli!"
Ahh!!! Zam'njini "Ngelixetsha belungisa
oomama masithobe unxano ngezibhekile. "Lamkhoba ungabiliyo ulungile kuba
uzakusilinda de sibuye. "Ukutsho ke MaTshowa ukugqiba kwethu lenyama
nobutywala siyahamba"
Ahh!!! Singathile "Akho mfana azovusa
ibhekile na? "Kweh, akho bafana apha"
Ahh!!! Zimisele "Ndinguye lo, xhego"
Ahh!!! Singathile "Anibelekani na?"
Ahh!!! Ntab'oyolo "Sendikhona
sabhunge"
Uyakwazi ukuxokozela ke kwasetyaleni. Incoko
itsho macala. Kukho abangothamonye, kukho nokungathi banxilwa ziintsipha, kukho
abatshona mpela ebhekileni. Uyazazi ke nezitsho zasetywaleni,"Thunga
siphingele". Ivakele lontswahla xa kungena obesilungu utywala,
"Akulanjwa mani kwaDingata". Ingathi zonke izinto ziyayondelelana
kuba nale iseziko iyalunga, naku umfana ungene, wayimisela into yokuba inyama
ivuthiwe ulifumene ke ilizwi elisuka kooyise elithi, "Mayophulwe!".
Uyophule ke umfana, zaphuma izithebe zaya emadodeni, nanjengesiqhelo izojo
ziphume kuqala, zizipheko ezi, bakhalile oomama ngokukcutswa, "Yho,
intoni, akavimbi amaTshowa mani". Kuyo yonke lonkalazo xa kukhwaza mfazi
wumbi ukuba azorhabula, "Nowoooootileeee", kokokuthethela phezulu
kwasetywala nothe wabizwa akaziva. Yiyo lonto kusoloko kukho ongathi iindlebe
uzibazile nagakumbi kwabanye, "Nowotile, Nowotile, mmm nxa uyabizwa wethu".
Watsho ngokuchulumancisayo, "Ahh! Mhlekaaaaaazzzzziii". Yiza
Nowathile ndikubeleke...Oh athe zava amaTshowa azityela iinto zawo.
Nguwo! Nguwo! Nguwo!Nguwo! Nguwo! Nguwo!Nguwo! Nguwo! Nguwo!Nguwo!
Nguwo! Nguwo! Ngumtshaaaaaaaattttoooooo
Ilaphu elimhlophe elixela umgidi liyaphephezela xa ulijongile
kungathi lincancazeliswa yilengqele yokutshona kwelanga lasebusika.
SikweyeThupha. Ayikahambi ukuhamba lengqele isekhona. Isika kubande ngakumbi xa
kutshona ilanga. Zitya zigoduka iqunde ayilolazo. Kuthe nyaka kulomzi ka
Zimasile. Iqhele ukuba ziimpahla ezithe dwedwelele kulamzi namhlanje ziswele
indawo. Ayingomntu ukhwele phezulu komnye, ayizonoyi zodwa ezixinwe
ngumngqutsho namhlanje, umntu ugila omnye. Ilanga selibuthambeka, lonto
inthetha into enye apha kwaZimasile; LIYEZA UDUUUUUUULI!
Nguwo! Nguwo! Nguwo!Nguwo! Nguwo! Nguwo!Nguwo! Nguwo! Nguwo!Nguwo!
Nguwo! Nguwo! Ngumtshaaaaaaaattttoooooo
Sele kumnyama eMtshayelweni, kulapho uduli luya khona. Khawujonge
enkalweni, ujonge ukuba awuboni mangabangaba akhantshwa yimibhaco emhlophe qhwa
kunye neditshiweyo. OW, kuthe kanti kukho omameleyo kuba kutheni nje ukuthi thu
kwabo yatsho intswahla.Kukho abathi, "abazukungena tu". Hayi, abatsho
ngetshova kaloku kuzawudlalwa unganyebelezeli.
Nguwo! Nguwo! Nguwo!Nguwo! Nguwo! Nguwo!Nguwo! Nguwo! Nguwo!Nguwo!
Nguwo! Nguwo! Ngumtshaaaaaaaattttoooooo
Kudlaliwe ke kwagqitywa kwade kwabasebusuku. Indlu yamandwendwe
ilungile. Izolile yiyo yodwa le izolileyo. Izimasile, ingathi iyakwazi
ukubaluleka kwayo. Akurhidanga nabani na, kuyacaca ukuba kuthathwe incutshe
apha ekurhideni. Ubulongwe obu bundlalwe okwamaza akuCwebhe. Bangenile abantu
basemzini, abahambi bodwa ke kukho abakuphetheyo okunjengehamb'idlana. IInyanda
zokubekelela igoqo langomso zizakufika ngomso neenkabi, eziinyanda azihambi
zodwa zihamba nazo zonke iimpahla zokuqala umzi; amapheyile, amakhukho,
iingobozi ndibala ntoni na. Ziza kuthiwa tha zibone zizhlwele zonke ngomso xa
kwendiswayo. Ingayimpazamo ukuba ikhukho lomnyeni nelomtshakazi lilibaleke,
kaloku aba bantu babini aba lali cala linye, ngaphandle koba ke utata lo utsibe
iziko.
Nguwo! Nguwo! Nguwo!Nguwo! Nguwo! Nguwo!Nguwo! Nguwo! Nguwo!Nguwo!
Nguwo! Nguwo! Ngumtshaaaaaaaattttoooooo
Akulalwanga kuyaphi kuba oko isitsho imbombozi ubusuku bonke. Andazi
kuyothini na ngomgidi? Zisuka nje abantu bayayoba; ziindwane. Kuvukiwe ekuseni
kwacelwa abafana ukuba bakhombe amaTshowa iziko lokupheka lenyama bebeze nayo.
Ngaxeshanye ihlatyiwe ibhokhwe yokuvusa iindwendwe. Onozakuzaku
bebemangxadangxada kuba kuyo yonke lonto kufuneka bazise abasemzini neendwendwe
ngokuqhubekayo kwenzele ooNotshula Kome balungiselele ukuyokha amanzi. Kuthe
nakanjalo yafika impahla yoduli yiyo le ithe zava enkundleni ibukelwa ngumntu
wonke. Kuzathi xa kuwiswa inkomo yamasi, kaloku umtshakazi utyiswa amasi,
zifakwe gumbini thile. Inintsi into eyenzekayo kutsho ingoma macala kaloku
konwatyiwe kwaZimasile. Ngapha ngase goqweni akumiwanga kuyadlalwa, ngapha
ngabakulomyeni kwelinye icala ngabakulomtshakazi, kuyaboniswana ukuba kwenziwa
nje, kukho abalinganisa ngamakhuba, kukho ababonisa iinkathelo njalo njalo.
Nguwo! Nguwo! Nguwo!Nguwo! Nguwo! Nguwo!Nguwo! Nguwo! Nguwo!Nguwo!
Nguwo! Nguwo! Ngumtshaaaaaaaattttoooooo
Kaloku ixesha liphala ngakumbi xa konwatyiwe. Sele kusemvakwemini.
Inkomo yamasi sele iwile. Abantu abasuka kwiinkalo ngeenkalo sebethe dwedwelele
kwikundla kaZimasile. Sikumgidi ngoku. Sabela uyabizwa wena ongavimbiyo.
uZimasile lo makabuyise utywala babantu. Ibhunga beliyizolo. Iinkabi ezitya
nalomzi zibalulwe kuthiwe onesikhalo aze ngaphambi. Iingcwele zifolile.
Kuzawuvakala ngubani osemtshweni. Phantse zonke iziganda neempikwana ezikufuphi
zilawulwe. Lo ka Zimasile ulawule akadlalisanga, uwele iqombe ubuqu wayotsho
kumango ka Dayimane, eBumbana, eBathenjini. Ingathi sizasela ekhapha. Qabela
ukhutshwe, themba mqala uzoginya.
Nguwo! Nguwo! Nguwo!Nguwo! Nguwo! Nguwo!Nguwo! Nguwo! Nguwo!Nguwo!
Nguwo! Nguwo! Ngumtshaaaaaaaattttoooooo
Kunjalo elonwabeni mfundi. Nam ndisele ndophela. Bebubuninzi
utywala kwaZimasile. Oko iindwendwe zizinyikitya ngotywala, inyama, unyovu
ndibala ntoni na? Ncingba ndithethile noko kwavokotheka. Kodwa ke imibono
ayifani, lonto ithi nam njengombhali ndinomdla wokuva ngolwazi lwakho mfundi
NGOKWENDA koMFAZI. Inene linye elanyanga umntu; ndiyabulela kuni nonke nina
enithe naxhasa ukwenza kwalomsipha. Ndivumileni ke ngoko ndibuyele emva
ekubunjweni kukaNokhungile. Ithi ke ngoku lonto sizabuza nto yimbi; ngokabani
lomtshato, kuthombe bani?