Ahhh!!! Nyuswa |
Ihlobo liyathwasa, imbewu
ilungile.
Intanyongo zijinga eziqobeni,
iziswenye zithiwe nkqi ngamaqhina.
Nasi isitha.
Kubhuqhisiwe kwagqitywa,
icekwa lilele nomlimi.
Uyalila ongenankomo, itsho
nengoma yentonjane xa kutshatiswa.
Iinkabi zakuthi azintlanga,
umhlaba womile xa zinongena zingantlaka.
Mayine! Ize nobomi obutsha.
Ukuwa kwamaqabaza bubutyebi
kwantu.
Iimpahla ziyahlutha, uziva
ngokukhonya.
Iimithi iyahlanza ngamasebe,
intaka zinemincili zitsho oontyilontyilo.
Imilambo izele, inyathela
ngesandikazi ukubheka ngaselwandle.
Eli lituma lokuzenzela
intlutha kongelovila.
Umhlaba unembuyekezo kovuka
nokusithela kwenyanga, xa imhlophe usalalelani?
Imvula sisondlo kwaba funa
ukuphila.
Iqabaza nganye lifa
nokuhlutha komhlaba,inene umhlaba uyaginya yaye uyanxanwa.
Imvula iphela nokuphuma
kwelanga, kulapho kuvela yonke indima yemvula.
Kungani na umsebenzi omngaka
ongabonwa ngumnikazi?
Ewe siyibuka nelanga,
siyiyolela sodwa kunye nenye indalo.
Imvula ngumchwebi endalweni.
Ibumba Sibukele, itsho
emzimbeni kohamba elubala.
AYIFUNE WONGA, KODWA YAKUNQABA SIYALIFUNA ITARU
LAYO.
No comments:
Post a Comment