Ukwenda komfazi
– Part 1
KULOTYOLWE
kwagqitywa, manditsho nangona umfazi engagqitywa nje. Icekwa lilele nalo
kaMathentamo ukuba alungise umntana wakhe. Umntu ke akagqitywa ukubunjelwa
ubuntu. UFuniswa lo uyintombi uphelele; ukhutshiwe efukwini yaye uthonjisiwe.
Abantu abadala
bekhaya sele bekhona, kudala bezimasile, kukhona amaDingata asuka naseMbatshe.
Oomakhelwane kudala bezimasile, kaloku lomzi ukwilali ebizwa ngoDingata kwaye
ayothusi into yokuba ungqongwe ngamaDingata. Ndivumele xa ndisithi amaDingata
onke ayephelele.
Ahh!!!
Zam'njini! "Ehh mzi ka Bhotomane, ka Tshowa, ka Gqumashe, ka Makotwana,
masiwuqale lomsebenzi walentombi senjenje; Madingata nibiziwe apha
kwaMathentamo - "Ehh ndim lo uZam'njini ONGCAMISA uFuniswa intombi yenu.
Ndithi masazise ooyise ukuba simsa emendweni, ze angabuzwa ngooyise ukuba,’Funiswa
ufuna ntoni na apha’? “Siceba ukumazisa nakoobawo bakhe bangambuzi ukuba
‘ungubani, ufuna ntoni na apha’? "Nje ngoko kwakuvunyelwene ukuba
ngalo'mhla sizakumsa emzini UMTSHAKAZI okanye intombi le yethu. "Sizakwenza
nje nto zika Makotwana; uFuniswa lo makahlanjwe kuqala ngeyeza lekhaya ISIHLAMBEZO,
ebuhlanti ngumphathi-nduku, sizakulinda apha endlwini, membathiseni ibhayi
kaloku, nimkhuse ubuze obu bakhe. "Bafazindini! – Qabani lomntana UMDIKI
emva kocango. "Boomama bakwaDingata GUNGXISANI lomntana; nimnxibise
iimpahla ezintsha zakhe ZOBUTSHAKAZI niyosilinda ENKUNDLENI nakugqiba. “Ukwenjenje
ke maTshowa sizama ukujongisa ngasebuhlanti, EMAXHANTINI, lingade lithambeke
ilanga, kukude kwaGcaleka".
Ahh!!! Singathile! "Abafana
mabasondeze ibhokhwe YOMNGCAMO ngasebuhlanti SIZONGCAMISA lomntana. Abantu
bokuma bayaziwa ekhapha maTshowa, khokhela mphathi-nduku".
Sisemaxhantini
bayaphikisana ngokuvumisa abafana. Bafanele kuba inkundla igcwele iyaphuphuma,
kufuneka umfana ovumisayo hayi lenqala.
Ahh!!!
Ntab'oyolo khawuvumise nkosi.
Ahh!!!
Dal'inqaba "Vumisa mfana"!
Atsho ukuvumisa
uNontaba; Ehhhhh Nkooooosssi. Qo xa ethethayo uzamana ukutsho umfana ovumisa
ehhh nkoooooosssi.
Ahh!!!
Dal’inqaba "Yiyo le inkabi engcitha… (ehhh nkooooosi) "esimngcamisa ngayo
lomntana, simsa kwaGcaleka eMaTshaweni...(ehhh nkoooosi). ”Siceba ke ukwazisa
ooyise...(ehhh nkooooossssiii), abalele ukuthula ukuba iintombi yenu iyaphuma
ngoluhlobo...(ehhhh nkooossii), iyokwenda... (ehhh nkoosssii), akazuphuma nje
ngaphandle kwemvume yenu...(ehh nkooooosssiii), kaloku siceba ukudibanisa
ooyise noobawo bakhe ayakubo...(ehhh nkosi). "Mphathi-nduku amade
ngawetyala...(ehhh nkoooosssi), kudala ukwel'khaya... (ehh nkoooosi), masijike
amabombo sifulathele umbandla sinjongise ngasebuhlanti..." (UTSHO UTHI
AMADE NGAWETYALA MAKUNGENWE EBUHLANTI)ahh yavumisa into ka Nontaba.
Ahh!!!
Singathile! "Umthathi ukho, ukhiwe, khuphani umkhono uzakufakwa e-emeleni,
ulungiswe ngumphathi-nduku kwenzele izawutshwama lentombi. ”Mphathi-nduku
lungisa umbengo, uzawutyiwa ngulomtshakazi noNootsula-Kome bakhe; unina abe
kufuphi. "Iintloko mazihambe kunye nalomkhono womtshwamo. ”Ekufikeni
kwethu NGORHATYA KUZAKUDLALWA; ndithetha ngalatshintshi tshintshi wezaswiti
(iibhontile); sizawunikwa indlu kulamzi; wena Nomandwebi, nje ngoyisekazi wakhe
uzaba YINKAZANA. "Uyawazi ke umsebenzi WENKAZANA; emva kocango! ”Inkunkuba
kunye namabande siphuma nawo kulamzi emveni kwalomcimbi. "Kube kanti
uwajonge ngeliso elubukhali, sizakuwalahla endleleni xa sibuyayo. ”Asifuni
kusetyenziswe ububi ukutshisa lomntana ngeembiza kufuneka sityhole enye into”.
Ahh!!!
Zam'njini! "Hheke, nantsi into ndiyilibala, ndiyabulela mkhuluwa wam,
INKOMO YOBULUNGA yiyo le. ”UFuniswa lo uzakuxhwitha kuyo nabantwana bakhe.
"Ukuwa kwayo, izawuphinde ivuswe nguye”.
Ahh!!! Noleveni!
"Ngesokusa ezintloko zizawuphekelwa oobawo bakhe, nincede nizihambise
NESITSHETSHE ESITSHA kunye NESITYA ESITSHA. ”Intombi le no-NOOTSULA-KOME kufuneka
begqibe LAMKHONO, kuyothi emva kwemini emveni koba besuka UKUYOTHEZA, NOKUYOKHA
AMANZI kuphekelwe iindwendwe akugqiba asiwe KULANDLU INKULU AYALWE ngabantu
basemzini wakhe”.
Ahh!!!
Singathile! "Ehh siyacela maGcaleka...ehh siceba ukugoduka kodwa ke
isithethe sithi kumele sishiye lamazwi besimnike wona ekhayeni kulandlu iinkulu.
”Sifuna nibe ngamangqina okuba akaphumanga nje, uyaliwe, ukhululwe ngooyise. "Nisibonisile
ke nakanjalo ukuba WAMKELEKILE nalapha EMZINI wakhe, NIMYALILE, imizi nto zikaTshiwo
ayifani ifana ngeentlanti nje kuphela. ”Yiyo lonto nisibizile ukuba sibe
ngamangqina EZIYALO enithe nambekela zona; ukwenjenje sicela indlela maGcaleka”.
oNootsula-Kome |
ITshowa eli
aliziceleli indlela lodwa, litshayelelela nam mbhali. Sisiseko sobufazi esi. Asipheleli
nje apha. Ze nilindele uduli sibone ukuba lisiphatheleni na lona. Ndibulela
ukuncazelwa ngolwazi nguDalinqaba, Dadebawo uThumeka kunye noBazukile; ke
lomondlalo wolwazi uthe waphoselwa iliso elijolise ekulungiseni iziphene ngumzukulwana
ka Jako ndiyabulela Jalamba; kwekhu ndingamlibala njani na uFaku ka Ndayeni?