Translate

Monday 15 June 2015

Ukwenda komfazi – Part 1

KULOTYOLWE kwagqitywa, manditsho nangona umfazi engagqitywa nje. Icekwa lilele nalo kaMathentamo ukuba alungise umntana wakhe. Umntu ke akagqitywa ukubunjelwa ubuntu. UFuniswa lo uyintombi uphelele; ukhutshiwe efukwini yaye uthonjisiwe. 

Abantu abadala bekhaya sele bekhona, kudala bezimasile, kukhona amaDingata asuka naseMbatshe. Oomakhelwane kudala bezimasile, kaloku lomzi ukwilali ebizwa ngoDingata kwaye ayothusi into yokuba ungqongwe ngamaDingata. Ndivumele xa ndisithi amaDingata onke ayephelele. 

Ahh!!! Zam'njini! "Ehh mzi ka Bhotomane, ka Tshowa, ka Gqumashe, ka Makotwana, masiwuqale lomsebenzi walentombi senjenje; Madingata nibiziwe apha kwaMathentamo - "Ehh ndim lo uZam'njini ONGCAMISA uFuniswa intombi yenu. Ndithi masazise ooyise ukuba simsa emendweni, ze angabuzwa ngooyise ukuba,’Funiswa ufuna ntoni na apha’? “Siceba ukumazisa nakoobawo bakhe bangambuzi ukuba ‘ungubani, ufuna ntoni na apha’? "Nje ngoko kwakuvunyelwene ukuba ngalo'mhla sizakumsa emzini UMTSHAKAZI okanye intombi le yethu. "Sizakwenza nje nto zika Makotwana; uFuniswa lo makahlanjwe kuqala ngeyeza lekhaya ISIHLAMBEZO, ebuhlanti ngumphathi-nduku, sizakulinda apha endlwini, membathiseni ibhayi kaloku, nimkhuse ubuze obu bakhe. "Bafazindini! – Qabani lomntana UMDIKI emva kocango. "Boomama bakwaDingata GUNGXISANI lomntana; nimnxibise iimpahla ezintsha zakhe ZOBUTSHAKAZI niyosilinda ENKUNDLENI nakugqiba. “Ukwenjenje ke maTshowa sizama ukujongisa ngasebuhlanti, EMAXHANTINI, lingade lithambeke ilanga, kukude kwaGcaleka". 

Ahh!!! Singathile! "Abafana mabasondeze ibhokhwe YOMNGCAMO ngasebuhlanti SIZONGCAMISA lomntana. Abantu bokuma bayaziwa ekhapha maTshowa, khokhela mphathi-nduku". 

Sisemaxhantini bayaphikisana ngokuvumisa abafana. Bafanele kuba inkundla igcwele iyaphuphuma, kufuneka umfana ovumisayo hayi lenqala.

Ahh!!! Ntab'oyolo khawuvumise nkosi.

Ahh!!! Dal'inqaba "Vumisa mfana"!

Atsho ukuvumisa uNontaba; Ehhhhh Nkooooosssi. Qo xa ethethayo uzamana ukutsho umfana ovumisa ehhh nkoooooosssi.

Ahh!!! Dal’inqaba "Yiyo le inkabi engcitha… (ehhh nkooooosi) "esimngcamisa ngayo lomntana, simsa kwaGcaleka eMaTshaweni...(ehhh nkoooosi). ”Siceba ke ukwazisa ooyise...(ehhh nkooooossssiii), abalele ukuthula ukuba iintombi yenu iyaphuma ngoluhlobo...(ehhhh nkooossii), iyokwenda... (ehhh nkoosssii), akazuphuma nje ngaphandle kwemvume yenu...(ehh nkooooosssiii), kaloku siceba ukudibanisa ooyise noobawo bakhe ayakubo...(ehhh nkosi). "Mphathi-nduku amade ngawetyala...(ehhh nkoooosssi), kudala ukwel'khaya... (ehh nkoooosi), masijike amabombo sifulathele umbandla sinjongise ngasebuhlanti..." (UTSHO UTHI AMADE NGAWETYALA MAKUNGENWE EBUHLANTI)ahh yavumisa into ka Nontaba.

Ahh!!! Singathile! "Umthathi ukho, ukhiwe, khuphani umkhono uzakufakwa e-emeleni, ulungiswe ngumphathi-nduku kwenzele izawutshwama lentombi. ”Mphathi-nduku lungisa umbengo, uzawutyiwa ngulomtshakazi noNootsula-Kome bakhe; unina abe kufuphi. "Iintloko mazihambe kunye nalomkhono womtshwamo. ”Ekufikeni kwethu NGORHATYA KUZAKUDLALWA; ndithetha ngalatshintshi tshintshi wezaswiti (iibhontile); sizawunikwa indlu kulamzi; wena Nomandwebi, nje ngoyisekazi wakhe uzaba YINKAZANA. "Uyawazi ke umsebenzi WENKAZANA; emva kocango! ”Inkunkuba kunye namabande siphuma nawo kulamzi emveni kwalomcimbi. "Kube kanti uwajonge ngeliso elubukhali, sizakuwalahla endleleni xa sibuyayo. ”Asifuni kusetyenziswe ububi ukutshisa lomntana ngeembiza kufuneka sityhole enye into”.

Ahh!!! Zam'njini! "Hheke, nantsi into ndiyilibala, ndiyabulela mkhuluwa wam, INKOMO YOBULUNGA yiyo le. ”UFuniswa lo uzakuxhwitha kuyo nabantwana bakhe. "Ukuwa kwayo, izawuphinde ivuswe nguye”. 

Ahh!!! Noleveni! "Ngesokusa ezintloko zizawuphekelwa oobawo bakhe, nincede nizihambise NESITSHETSHE ESITSHA kunye NESITYA ESITSHA. ”Intombi le no-NOOTSULA-KOME kufuneka begqibe LAMKHONO, kuyothi emva kwemini emveni koba besuka UKUYOTHEZA, NOKUYOKHA AMANZI kuphekelwe iindwendwe akugqiba asiwe KULANDLU INKULU AYALWE ngabantu basemzini wakhe”.

Ahh!!! Singathile! "Ehh siyacela maGcaleka...ehh siceba ukugoduka kodwa ke isithethe sithi kumele sishiye lamazwi besimnike wona ekhayeni kulandlu iinkulu. ”Sifuna nibe ngamangqina okuba akaphumanga nje, uyaliwe, ukhululwe ngooyise. "Nisibonisile ke nakanjalo ukuba WAMKELEKILE nalapha EMZINI wakhe, NIMYALILE, imizi nto zikaTshiwo ayifani ifana ngeentlanti nje kuphela. ”Yiyo lonto nisibizile ukuba sibe ngamangqina EZIYALO enithe nambekela zona; ukwenjenje sicela indlela maGcaleka”.

oNootsula-Kome

ITshowa eli aliziceleli indlela lodwa, litshayelelela nam mbhali. Sisiseko sobufazi esi. Asipheleli nje apha. Ze nilindele uduli sibone ukuba lisiphatheleni na lona. Ndibulela ukuncazelwa ngolwazi nguDalinqaba, Dadebawo uThumeka kunye noBazukile; ke lomondlalo wolwazi uthe waphoselwa iliso elijolise ekulungiseni iziphene ngumzukulwana ka Jako ndiyabulela Jalamba; kwekhu ndingamlibala njani na uFaku ka Ndayeni?


No comments:

Post a Comment