Translate

Tuesday 7 July 2015

Ndibomvu ndinje

 Uyini na umntu ngaphandle kwemvelaphi yakho? Siphuma ndlwini inye, kodwa asivani siyacalucalulana. Kunele kufika lo Wase-Ntshona, wasikhohlisayo saba ziintshaba. Uthe kuthi uphethe ukuphila, umqulu, umthetho, umnombo wobuntu bonke; uthe uphethe impucuko. Uthe konke esinako masikulahlele embo apho kudliwa ngendebe endala. Uthe iinkolo zakhe kukuphila kuthi masiyeke ukuzikhohlisa ngeziyalo zookhokho bethu. Uthe nguye indlela nguye inyaniso yobom. Uye wathi yena uphethe ubomi obungcono. Usibonise ilizwe elimbeje mbeje, usibonise ubunewu newu, yaluncuthu kuthi. 

Uye wathi iingcinga zethu zisemva, masihambe namaxesha utsho ejonga esihlahleni. Usithenge ngeendaba ezintsha, nemibono emitsha sathengeka, usigrogrise ngamalangabi azele amafutha ashushu sandywandywa. Uye wasenza amakhoboka. Uye wasenza oodinga sithebeni. Uye wasenza abangcatshi. Siye sangabalandeli bakhe abakhulu, siye sazizikhwenene sesandi sokunyathela kumahla ndenyuka bobubomi asakhele bona. Sisisizukulwana sokuqala sempucuko. Siyityeshele imithetho yookhokho bethu, yaye asizisoli. Nokuba idala impixano nozalo lwam kodwa ndiziva ndingumntu opheleleyo. Ndisisithunywa, mandipapashe uncuthu bobomi obutsha, ndizakuqala kulendlu yam, abantu bazabona kuthi. Ndingubani na mna? Ngumbuzo okudala ndizibuza wona lo. Kukho into elapha kum ngaphakathi, edala ixhala, isazela, ukungaqiniseki. Ndivuka ndinesikrokro. Ndibona ndingenayo impendulo. Ndizibona ndingumguqulelwa womnye umntu. Ndizalwa ngobokuqala, kodwa singamalolo kuba ezi zakuthi zihamba ngesidima. Inoba basithatha phi esisidima na bethu? Kungangathi baswele kuba bengenabo ubunewu newu, nempucuko le ndinayo. Lonto ayenzi madolwanzima xa sisekhayeni. Ungababona xa behombile siphuma sithi ndwanya amehlo kukothuka. Uthi utata bayazikhohlisa, kodwa mna andiboni ukuzikhohlisa. Ndibona abantu abazingcayo. Nangona nje ndithandwa Ngulo, kodwa obam ubomi bunkungu.

Ndingubani na mna xa ndingelilo ithenjwa? Ndingumntu onjani xa ndingenguye umlandeli? Noko ndicingba ndilibala elimdaka ngabom. Kukho apho kukho umnombo wam. Ndisuke ndalihlahla elihamba nje, ziphi iingcambu zam? Uthi utata ndinemikhwa engenayo inqubela, kodwa andiva zithonga kuba ndiyaphila emboleni. Bendiyiqabe izolo, kaloku kulapho utata andosule ubumnyama khona ngokutsho kwakhe ke phofu. Ikhaya ayiselo khaya kum, ndisuke ndalundwendwe. Ingqondo ayizinzanga isoloko isisiphithiphithi. Kukho lengulo ndinayo, yewethu emboleni ibimile ithe nto. 

Ndiliqaba? Ingathi sisenyeliso nje eso? Kaloku utata ubonyanya ukufa abantu ababomvu, uthi batsalela emva nezithethe zabo ezingabalulekanga. Kulapho ndifumana ubumi kuba utata undibonise ubomi apho ndizithandabuzayo ubumi bam. Kumandi emboleni, ndingumntu phambi koba ngumntu onantoni, kaloku okokuqala ebomini bam ndineempendulo ezonelisa intliziyo nengqondo yam. Ndiyahomba nam, owu yini ukukhululeka komphefumlo wam. Yazi utata ingqondo yakhe ithinjiwe, wenziwe imfama kuba kuthiwe imfundo bubumi bakhe kanti sisixhobo sobubomi siphila phantsi kwabo. Kunezinto azenzayo angazibuziyo kodwa usoloko enombuzo xa kuthiwa nasi iSintu.

Kudala ndisemboleni. Kuthe kanti izigrogriso zika tata bubuvuvu obenziwa kukungazi. Ndifike imbola le seyibumbatsha, ngenxa yokutshitsha kwesithethe. Ndiphinde ndalilolo kwakhona kuba baninzi abalandeli abafana notata. Bendilihlebo ekungcatsheni kwam, ndiyihlekisa ekuzifumaneni kwam. Intloni andinazo ngalembola, kuba iziyalo, iimfundiso, ubumna, inkolo , imbali, imibono, ingcambu ndiziqaba kobubuso bunyelisiweyo. Mandamkele izenyeliso zomvuzo wokuba nguMntu omgqibeleleyo, ngumntu onyathela phezu'kwezithuko ezibumba ubulwanyana, ezithandabuza ubuntu bam. Ingxaki ukuphuma kwalo sisizalisekiso soba ndingaliqaba elonyeliswayo kodwa andibolekanga ziimvo zamntu ngobam ubomi.

Ndiyayazi okuzomeleza: 
Uboma.
Ume. 
Umele ubumi bakho. 

"Noba singamaqaba kodwa siyaqiqa Noba kuthwa siqab'imbola kodwa amehlo avuliwe siyabona. Noba sijongelwa phantsi kodwa amehlo wethu siwaphose kophezulu. Xhuma mxhosa waseXhora angena amanzi endlini. Xathisa uxananaze uxabe kulomnyango ulwele abantu baseMzini. Umgquba uyopha, liyaphalala igazi, ilanga litshone emini. Mntu wakwantu owenziwa umntu ngabantu. Yenza Ubuntu ebantwini kuba kaloku litsho nelabantu bakudala. Umntu ngumntu ngabantu.." (Siziba, 2015).

Ndililo eli libomvu neenkomo zalo.