Translate

Wednesday 19 August 2015

Ukwenda Komfazi - ngemifanekiso yamandulo ethathwe eMthatha, Xhora 

Yenza imincili into yokubona lemifanekiso kuba ibonisa isiqalo nesiphelo sokwendiswa komfazi. Ndibulela ukuba ngumzukulwana wabantu ababomvu. Bona babenyeliselwa ukuphila ubumi babo. Ahh!! Zamnjini. Ahh!! Noleveni. Andinazi. Zange ndanibona. Imbali yenu ndiyayiva. Nikhona ngoko moya. Ndinqwenela ukukhungwa nini kulendlela endiceba ukuyihamba. 

Ewe, ndiyile esikolweni, ndifundile, ndizalwa ligqobhoka. Ndikhulele ecaweni, kodwa andingweneli ukuphila ngembali, iimfundiso, imithetho, izithethe, amasiko wabanye abantu. MaSibutha nguye lo uMcwayizeni ka Dinizulu wakho. Ndiyabulela MaDlamini ukundenza umthandi wolwazi, undifundisile isithukuthezi sokungazi ubumi bakho. Mfo ka Kheli nguye lo uS'gudu somsuthu, uJakalase omaqhinga qhinga, yaguduza indoda ihleli yodwa endlini ayisebenzi. Ndiyakubulela Mtshali ngoku ndibonisa ukuba isiko lingahamba nobuKristu, kodwa ndicela undivumele ndigoduke ayandibiza amaTshowa. 

AmaTshowa andikhungile. Nimane ukundibiza ngokundenzela isazela nesizungu sokuthi gqolo ndifune ulwazi lwemvelaphi yam. Ndiyazibulela iinkonde neenkondekazi endifikele kuzo ezibe nofifi azafihla nto. Ndixela wena Singathile, Zweliyatshukuma, Nokhombile, Nogaweni, Nowathile, ukubalula nje abambalwa; kunye nolutsha lakuthi elimane lindifundisa okufanele indoda kwaDingata.

Ndizibambe ngeenkophe kuba utata undifundisile kuba ebona umdla kum. Nguye lo uSomatsetselele ubhayi inesinama, umasuza emasibini kuyonuka ekhaya, kwedini uyalibona elicuba ulichitha nje? Ahh!!! Zamkhaya! Uye wathi xa undinyanga, kuba bendigula ndihamba, uye wathi Ahh!! Ngangolwandle! Mayethe Tshowa.

Ndiyaphila ekhaya. Kulapho ndifunde ngeendlela zasekhaya. Ewe, isikolo sibalulekile kodwa asinode sindenze umngcatshi, ikhoboka leendlela zabanye abantu. Ngale  imisipha ndiceba ukufunda ukubhala isiXhosa saseXhora. Ndingumkhwetha, ndithwasela lembola emnyama phezu' kwel'thango limhlophe. 




























No comments:

Post a Comment